< Return to Video

Ordering Negative Numbers

  • 0:02 - 0:09
    Ndinamanani ayi 5 apha kwaye umnqweno wam kukuwahlengahlengisa ukusuka kubuncinci ukuyotsho kubukhulu.
  • 0:10 - 0:13
    Kwaye ingabasisiqhelo kuwe ukuba onke lamanani ngmanani athabathayo.
  • 0:13 - 0:17
    Ngoko ke masicinge ukuba leliphi inani elona likhulu.
  • 0:17 - 0:19
    Kwaye ungothuka kukuthi,..
  • 0:22 - 0:25
    "Kulungile, uyayazi, ukuba onke bewedibanisa, 40 bekezakuba mkhulu." ngoko ke ungothuka kukuthi" thabatha 40 ngoyena umkhulu,"..
  • 0:25 - 0:28
    ... kodwa into mawuyiqonde yilento uthabatha akuxelelayona...
  • 0:28 - 0:30
    ... kwaye cinga ngayo.
  • 0:30 - 0:33
    Ukuba ezi ibizi dolla ngokwezimali kwinxowa yakho...
  • 0:36 - 0:39
    ...ubuzakukhetha ukuba nothabatha $40 dolla kwinxowa yakho okanye thabatha $7 kwi nxowa yakho?
  • 0:43 - 0:45
    Thabatha 40 dolla uthetha ukuba uyatyala kwibhanka i40 dolla, ngoko ke ngu 40 dolla phantsi kwento ongenayo.
  • 0:45 - 0:49
    Uthabathe u 7 dolla ithetha ukuba utyala ibhanki i 7 dolla,
  • 0:49 - 0:53
    ngoko ke isebenza kuphela kuba uthabatha 40 ungaphantsi ku thabatha 7, kwaye
  • 0:53 - 0:57
    kuwo onke lamanani, lelona lincinci kunawo onke.
  • 0:59 - 1:01
    Ngoko ke thabtha 40 ngoyena umncinci, kwaye ungabona ukuba esona sixa semali ukthi..
  • 1:01 - 1:04
    ... ungayifuna kulolonke oluthelekiso kwinxowa yakho yemali,
  • 1:04 - 1:06
    ...okanye eyona mali incinane.
  • 1:06 - 1:07
    Oyityala ibhanka yi 40 dollazi.
  • 1:07 - 1:10
    Ngaphandle kokuba awunanto, utyala ibhanka i-40 dollazi.
  • 1:15 - 1:21
    Kwangoko elona nani lincinci ngu thabatha 30, kwaye kwangoko elinye inani elincinane izakuba ngu thabatha 25,
  • 1:22 - 1:28
    kwaye kwangoko elinye elilandelayo elincinci emvakoko izakuba ngu thabatha 10,
  • 1:32 - 1:35
    kwaye kwangoko ekugqibeleni elonna likhulu kuwo wonke lamanani(--elikhulu, kwaye ndizakuyenza ngombala opinki--)
  • 1:35 - 1:38
    ... elona likhulu kuwo wonke lana ngu thabatha 7.
  • 1:38 - 1:40
    Kwaye ukuba ayikucacelanga kuwe,
  • 1:41 - 1:42
    ungacinga ngawo ngokwamanqanaba obushushu, ngabula amaqondo obushushu.
  • 1:42 - 1:44
    Ngeyi kwezi elona qondo lobushushu elibandayo?
  • 1:44 - 1:46
    ( nokuba uthetha nge-selisiyasi okanye i-fahrenhiti)
  • 1:49 - 1:51
    thabatha 40 uzakuba lelona libanda kakhulu, kwaye thabatha 7 uzakuba leleona lifudumeleyo.
  • 1:51 - 1:54
    Kuzakubakho ubushushu obuninzi emoyeni kuthabatha 7.
  • 1:54 - 1:58
    Enye indlela yokucinga ngalento yeyokuba singazoba umgca manani.
  • 1:58 - 2:01
    --Ngoko ke masizobe umgca manani apha phezulu--
  • 2:01 - 2:05
    Ukuba lona ngo-0, kwaye siyayazi, singabeka udibanisa 7 apha,
  • 2:07 - 2:09
    dibanisa 7 akalilo elinye lalamanani, kodwa singafaka onke amanye amanani.
  • 2:09 - 2:11
    ngoko ke lena apha ingaba ngu thabatha 7.
  • 2:11 - 2:15
    Ukuba ngu thabatha 7 kwangoko mhlawumbi apha kulendawo ingaba ngu thabatha 10.
  • 2:15 - 2:19
    Qaphela siqhubekela phambili kwaye ngsekunene kuka 0,
  • 2:19 - 2:25
    kwaye kwangoko sihamba kancinci kakhulwana ngasekunene sifumana uthabatha 25...
  • 2:25 - 2:29
    Kancinane kakhulu kasekunene ngoku ngu thabatha 30.
  • 2:29 - 2:37
    ngoko ke sihamba kakhulu ngasekunene kwaye sifumana uthabatha 40.
  • 2:37 - 2:38
    Ukuba ucinga ngalendlela, elona lincinane lalamanani...
  • 2:41 - 2:42
    ...lelona likude kakhulu apha ekunene kumgca manani,
  • 2:42 - 2:46
    kwaye elona likhulu kakhulu leli likude kakhulu kwelicala lesekhohlo kumngca manani.
Title:
Ordering Negative Numbers
Description:

Ordering negative numbers from least to greatest

more » « less
Video Language:
English
Duration:
02:47
yangazukelwa added a translation

Xhosa subtitles

Incomplete

Revisions