-
Kule vidiyo ndifuna ukwenza iingqokelela yemizekelo yokufektorayiza (ukufumana iifekta zenani elithile).
-
Inqanaba lesibini lepolinomiyali kudla
-
ngokuthiwa yikhwadrathiki (quadratic)
-
Ngamanye amaxesha kuthiwa yipolinomiyali yekhwadrathiki okanye
-
yikhwadrathiki kuphela, okanye yinkcazelo yekhwadrathiki (quadratic expression) kodwa konke konke kuthiwa
-
linqanaba lesibini lepolinomiyali.
-
Kulapho inani elitshintsha-tshintshayo [variable] lingaphakanyiswa libe
-
kwinqanaba lesibini.
-
Kule meko, kuyo yonke lemizekelo sizakuyenza le nto (okanye eli nani litshintsha-tshintshayo) liza kuba ngu-x
-
Masithi sinenkcazelo yekhwadrathiki engu-x
-
idityaniswe idityaniswe nenani eliguqu-guqukayo [x] eliphinda-phindwe kalishumi laze laphindwa no-9.
-
Ndifuna ukuyifektirayiza kwimveliso yeebayinomiyalsi ezimbini (Umz. x - y).
-
Sikwenza njani oko?
-
Masicinge ukuba kungenzeka na ntoni ukuba singa
-
thatha u-x odityaniswe no-a, ukuphindaphinde oko no-x odityaniswe no-b.
-
Ukuba singaphindaphinda ezi zinto (okanye ezi nkcazelo)zimbini, kwenzeka ntoni?
-
Noko, sinalo ulwazana lokwenza oku.
-
Oku kuza kuba ngu-x ophindaphindwe no-x, ongu-x okwinqanaba lesibini, umdibanise no-x ophindaphindwe no-b,
-
oba ngu-bx, umdibanise no-a ophindaphindwe no-x, umdibanise no-a ophindaphindwe no-b, uphinde umdibanise no-ab.
-
Okanye ukuba sifuna ukudibanisa ezi zimbini ziphakathi ngasekunene apha,
-
kuba zombini ngamanani andisa u-x (okanye zi-coefficients zika-x).
-
Singakubhala oku njengo-x ophindaphindiweyo -- Ndingakubhala oku
-
njengo-b odityaniswe no-a, okanye u-a odityaniswe no-b, x, umdibanise no-ab.
-
Ngokubanzi, ukuba sicinga oku kuyimveliso
-
yeebayinomiyals ezimbini, siyabona ukuba ico-efficient (eli nani liphakathi elandisa u-x)
-
ka-x, okanye ungathi ico-efficient ekwinqanaba lokuqala
-
phaya, iza kuba sisibalo sika-a no-b.
-
Ngoko inkcazelo yenani elingatshintshiyo lizakuba yimveliso
-
ka-a no-b wethu.
-
Qaphela, oku kungaboniswa ngolu hlobo