Kule vidiyo ndifuna ukwenza iingqokelela yemizekelo yokufektorayiza (ukufumana iifekta zenani elithile). Inqanaba lesibini lepolinomiyali kudla ngokuthiwa yikhwadrathiki (quadratic) Ngamanye amaxesha kuthiwa yipolinomiyali yekhwadrathiki okanye yikhwadrathiki kuphela, okanye yinkcazelo yekhwadrathiki (quadratic expression) kodwa konke konke kuthiwa linqanaba lesibini lepolinomiyali. Kulapho inani elitshintsha-tshintshayo [variable] lingaphakanyiswa libe kwinqanaba lesibini. Kule meko, kuyo yonke lemizekelo sizakuyenza le nto (okanye eli nani litshintsha-tshintshayo) liza kuba ngu-x Masithi sinenkcazelo yekhwadrathiki engu-x idityaniswe idityaniswe nenani eliguqu-guqukayo [x] eliphinda-phindwe kalishumi laze laphindwa no-9. Ndifuna ukuyifektirayiza kwimveliso yeebayinomiyalsi ezimbini (Umz. x - y). Sikwenza njani oko? Masicinge ukuba kungenzeka na ntoni ukuba singa thatha u-x odityaniswe no-a, ukuphindaphinde oko no-x odityaniswe no-b. Ukuba singaphindaphinda ezi zinto (okanye ezi nkcazelo)zimbini, kwenzeka ntoni? Noko, sinalo ulwazana lokwenza oku. Oku kuza kuba ngu-x ophindaphindwe no-x, ongu-x okwinqanaba lesibini, umdibanise no-x ophindaphindwe no-b, oba ngu-bx, umdibanise no-a ophindaphindwe no-x, umdibanise no-a ophindaphindwe no-b, uphinde umdibanise no-ab. Okanye ukuba sifuna ukudibanisa ezi zimbini ziphakathi ngasekunene apha, kuba zombini ngamanani andisa u-x (okanye zi-coefficients zika-x). Singakubhala oku njengo-x ophindaphindiweyo -- Ndingakubhala oku njengo-b odityaniswe no-a, okanye u-a odityaniswe no-b, x, umdibanise no-ab. Ngokubanzi, ukuba sicinga oku kuyimveliso yeebayinomiyals ezimbini, siyabona ukuba ico-efficient (eli nani liphakathi elandisa u-x) ka-x, okanye ungathi ico-efficient ekwinqanaba lokuqala phaya, iza kuba sisibalo sika-a no-b. Ngoko inkcazelo yenani elingatshintshiyo lizakuba yimveliso ka-a no-b wethu. Qaphela, oku kungaboniswa ngolu hlobo