Return to Video

Prime Numbers

  • 0:01 - 0:03
    kulo mboniso bhanyabhanya ndifuna ukuthetha kancinane malunga
  • 0:03 - 0:08
    Nokuba kuthwani xakuthethwa nge Prime Number
  • 0:08 - 0:10
    kwa nalento uzokuyi bona kulo mboniso bhanyabhanya
  • 0:10 - 0:13
    ngumcimbi nje lo ocacileyo
  • 0:13 - 0:15
    kodwa njengokuba uqhubekeka kwi kamva lakho lezobalo
  • 0:15 - 0:18
    uzawukubona ukuba kukho eminye imicimbi ezamekayo noko
  • 0:18 - 0:21
    enokuthiwa yakhelwe phezulu kwe Prime Number
  • 0:21 - 0:23
    eminye yayo ibandakanya icebo le cryptography (ukufihlwa kwamanani okanye amagame aze angakwazi ukufundeka)
  • 0:23 - 0:26
    kwakhona umhlawumbi ezinye zee zitshintsho enokuthi ikhompyutha yakho
  • 0:26 - 0:28
    izisebenzise ngoku zingakwazi ukwakhelwa phezu kwee Prime Numbers
  • 0:28 - 0:30
    kodwa ukuba awumazi ukuba u-encryption uthetha ukuthini
  • 0:30 - 0:32
    ungaxhalabi ngayo loonto ngoku
  • 0:32 - 0:34
    kumele nje wazi ukuba yintoni nje iPrime Number kuko oko okubalulekileyo.
  • 0:34 - 0:37
    Koko, ndizawukunika inkcazelo yayo ukuba yintoni
  • 0:37 - 0:39
    kwaye inkcazelo ingafuna ukubhidisa nje kancinane
  • 0:39 - 0:44
    kodwa xa siyibona ngemizekeliso inokuba lula kwaye icace
  • 0:44 - 0:50
    Inani liyi Prime ukuba linjengokuba linjalo
  • 0:50 - 0:58
    umzekelo, Inye, Zimbini, okanye Zintathu (ukubalwa kwamanani kuqalwa kwelo kuqala)
  • 0:58 - 1:00
    Okanye ukwanako ukuthi "iPositive intergers"
  • 1:00 - 1:31
    Ilinani elinjengokuba linjalo elithi lahlulwahlulwe kanye kanye ngamanani amabini anjengokuba enjalo: Inani kwakunye nelokuqala
  • 1:31 - 1:40
    Lawo ngamanani amabini ethi yahlulwehlulwe ngawo.
  • 1:40 - 1:43
    Ukuba lento ayenzi mqondo apha kuwe masike senze nje imizekelo
  • 1:43 - 1:46
    Masikhe sifunise ukuba ingaba amanyee amanani azi Prime numbers okanye hayi.
  • 1:46 - 1:49
    Masikhe siqale ngamanani angawona akhe amancinane.
  • 1:49 - 1:52
    Inani lokuqala. Ungathi umhlawumbi inani lokuqala lahluleka kwangelokuqala
  • 1:52 - 1:59
    kwaye inani lokuqala likwahluleka kwangelokuqala, andithi, inani lokuqala liyi Prime Number
  • 1:59 - 2:02
    Kodwa khumbula, inxalenye yenkcazelo yethu, ibisithi kufuneka ikwazi ukwahluleka
  • 2:02 - 2:08
    kanye kanye ngamanani amabini anjengokuba enjalo. Elokuqala likwahluleka ngenani elinjengokuba linjalo elinye, ngenani elilelokuqala.
  • 2:08 - 2:17
    Lilonke, inani lokuqala, nokuba umhlawumbi linoku chasana nokufunxa kolwazi kungakhange kucingisiswe, ayisililo inali eliyi Prime
  • 2:17 - 2:21
    Masigqithele siye kwi nani lesibini
  • 2:21 - 2:28
    lilonke inani lesibini lahluleka ngelokuqalakwakunye kwangalo elesibini, kwaye alahluleki ngelinye inani elingenjengokuba linjalo
  • 2:28 - 2:31
    ingathi kengoku iyayo nela imibambela yethu.
  • 2:31 - 2:34
    Lahlula hluleka kanye kanye ngawo amanani amabini anjengokuba enjalo.
  • 2:34 - 2:42
    Elesibini kwakunye nelokuqala. Ngoko ke inani lesibini liyiyo iPrime
  • 2:42 - 2:53
    Ndizakuwa kwelela isangqa amanani azi Prime.
  • 2:53 - 2:55
    Inani lesibini lenza umdla kuba
  • 2:55 - 2:58
    Lilo lodwa inani eligqagqeneyo elikwayiyo neliyi Prime
  • 2:58 - 3:00
    Ukuba ke uyayicigisisa lento, nokuba leliphi na inani eligqagqeneyo
  • 3:00 - 3:04
    lizawukwazi ukwahlula hluleka nge nani lesibini, ngoko ke alizukuba yiyo iPrime
  • 3:04 - 3:07
    Sizakucinga ngayo loonto kakhulu kwimiboniso bhanyabhanya ezayo.
  • 3:07 - 3:13
    Masikhe sizame inani lesithathu. Koko, inani lesithathu liyahlula hluleka ngelo kuqala kwangalo elesiThathu
  • 3:13 - 3:16
    kwaye alikwazi ukwahlula hluleka ngenye into engenye.
  • 3:16 - 3:20
    alikwazi ukwahlula hluleka ngelesibini. Koko, inani lesithathu likwayiyo iPrime Number
  • 3:20 - 3:25
    Masizame inani leSine.
  • 3:25 - 3:30
    Inani leSine liyakwazi ukwahlula hluleka ngenani lokuqala kwangalo eleSine, kodwa
  • 3:30 - 3:36
    Liyakwazi ukwahlula hluleka kwangalo inani leSibini. Koko, liyahlula hluleka
  • 3:36 - 3:40
    ngamanani amaThathu anjengokuba enjalo: Elokuqala, EleSibini kwakunye EleSine.
  • 3:40 - 3:45
    Ngoko, alikwazi ukwanele umlinganiselo wethu wokuba yi Prime
  • 3:45 - 3:48
    Masizame inani lesiHlanu.
  • 3:48 - 3:51
    inani lesiHlanu liya kwazi ukwahlula hluleka ngelo kuqala,
  • 3:51 - 3:58
    alikwazi ukwahlula hluleka ngenani leSibini, lesiThathu okanye leSine
  • 3:58 - 4:01
    (ungalahlula hlula inani lesiHlanu okanye leSine kodwa uzawukufumana intshiyekela)
  • 4:01 - 4:05
    kwaye liyakwazi ukwahlula hluleka kwangalo inani lesiHlanu ngokokucacileyo.
  • 4:05 - 4:10
    kwakhona ke ngoko, inani lesiHlanu liyakwazi ukwahlula hluleka kanye kanye ngawo amanani anjengokuba enjalo: elokuqala kwakunye nelesiHlanu
  • 4:10 - 4:14
    ngoko kwakhona, inani lesiHlanu liyiyo iPrime. Masiqhubekeke
  • 4:14 - 4:17
    khonukuze sikwazi ukubona ukuba ikhona na enye indlela apha
  • 4:17 - 4:20
    kwaye umhlawumbi ndizawukuzama enzinyana
  • 4:20 - 4:26
    eye ithande ukuwisa abantu. Masizame kengoku inani lesiThandathu
  • 4:26 - 4:35
    Liyahlula hluleka ngelokuqala, leSibini, lesiThathu kwakunye elesiThandathu
  • 4:35 - 4:38
    Lilonke inamanani amane anjengokuba enjalo "factors"
  • 4:38 - 4:40
    Ndicinga ukuba ungakwazi ukutsho nje kanjalo
  • 4:40 - 4:43
    ukwenzela ukuba ingabi nawo kanye kanye amanani amabini ethi yahlula hluleke ngalo
  • 4:43 - 4:47
    inamanani amane, koko ayisiyiyo iPrime
  • 4:47 - 4:50
    Masigqithele kwi nani lesi Xhenxe
  • 4:50 - 4:56
    Inani lesiXhenxe lahlula hluleka ngenani lokuqala HAYI eleSibini, lesiThathu, leSine, lesihlanu okanye lesiThandathu,
  • 4:56 - 5:01
    kodwa likwakwazi ukwahlula hluleka ngenani lesi Xhenxe
  • 5:01 - 5:04
    Lilonke inani lesiXhenxe liyiyo iPrime. Ndicinga ukuba uyayi noko lento
  • 5:04 - 5:07
    Mangaphi amanani anjengokuba enjalo, amanani anje ngeLokuqala, leSibini, lesiThathu, leSine, lesiHlanu
  • 5:07 - 5:09
    Amanani othi uwafunde xa uneminyaka emibini ubuncinane
  • 5:09 - 5:12
    ungalibali inani elingengokho (iqanda) ukwangawadibanisi amanani aziinegative
  • 5:12 - 5:14
    ukwangawadibanisi amacala kwakunye nawo amanani kwakunye nawo amanani aziirrational
  • 5:14 - 5:16
    kwaye namanani azii Decimal kwakunye nawo onke amanye
  • 5:16 - 5:19
    kwakunye nawo nje amanye amanani aziiPositive
  • 5:19 - 5:21
    ukuba ke unamanani amabini kuphela,
  • 5:21 - 5:24
    ukuba ke wahlula hluleka ngawe kwakunye ngenani lokuqala
  • 5:24 - 5:26
    uzakuba yiyo ke iPrime.
  • 5:26 - 5:27
    kwangohlobo ke endiyicinga ngayo,
  • 5:27 - 5:30
    ukuba ke asicingi ngemeko ekhethekileyo yenani lokuqala
  • 5:30 - 5:32
    amanani aziPrime angafaniswa namanani okwakha
  • 5:32 - 5:33
    awunokwazi ukuwaphula.
  • 5:33 - 5:35
    Ziphantse zafana neeAtoms.
  • 5:35 - 5:36
    Ukuba ke uyayicingisisisa ukuba iAtom yintoni
  • 5:36 - 5:38
    okanye abantu bacinga ukuba iAtom yintoni ekuqaleni
  • 5:38 - 5:40
    babecinga ukuba zizo ezi zinto
  • 5:40 - 5:42
    wawungena kwazi ukuzahlula hlula
  • 5:42 - 5:44
    ngoku ke siyayazi ukuba siyakwazi ukuzahlula hlula iAtoms kwaye futhi
  • 5:44 - 5:46
    ukuba awuzahluli unokwenza into ekuthiwa luqhushumbo lwe nuclear
  • 5:46 - 5:50
    kodwa isekwa lelo cebo eli lisemva kwa manani aziiPrime
  • 5:50 - 5:53
    awukwazi ukuwaphula
  • 5:53 - 5:57
    abezi zinto ezincinane ngokwamanani anjengokuba enjalo
  • 5:57 - 6:01
    Amanani anje nge siThandathu uyakwazi ukuthi, inani Isibini uze usi phindaphinde kaThathu,
  • 6:01 - 6:04
    uyakwazi ukuwaphula kwaye uqaphele ukuba siyawaphula
  • 6:04 - 6:06
    njenge nani eliphuma kwi nani eliyi Prime
  • 6:06 - 6:09
    Siye ke saba kuwaphula aba ngamaceba
  • 6:09 - 6:11
    awukwazi kengoko ukuphinda uwaphule kwakhona
  • 6:11 - 6:15
    Into onokuyithetha yeyokuba isiXhenxe senziwa linani lokuqala okanye UNYE uze umphindaphinde kasiXhenxe.
  • 6:15 - 6:17
    kwaye kuleyo ke imeko awukayi phuli kangako
  • 6:17 - 6:19
    Use nelo nani lisisiXhenxe kwakhona.
  • 6:19 - 6:21
    inani lesiThandathu uyakwazi ukulaphula
  • 6:21 - 6:24
    Inani leSine nalo uyakwazi ukulaphula ngokuthi inani leSibini okanye Uzimbini uze umphindaphinde kabini.
  • 6:24 - 6:26
    Njengoko ke sesiyi susile ke leyo endleleni yethu masicinge ke
  • 6:26 - 6:27
    ngawo amanani amakhulu kwaye sicinge ngokuba
  • 6:27 - 6:30
    ingaba loomanani makhulu angamanani aziiPrime
  • 6:30 - 6:35
    Masizame ke inani leShumi linesiThandathu
  • 6:35 - 6:39
    Kucacile ke ukuba nokuba leliphi inani elinjengokuba linjalo liyakwazi ukwahlula hluleka ngo Nye (Inani lokuqala) kwaye kwanangalo.
  • 6:39 - 6:42
    Ngoko ke iShumi elinesiThandathu liyakwazi ukwahlula hluleka ngo Nye kwakunye nangalo iShumi elinesiThadathu.
  • 6:42 - 6:44
    Ngoko ke uzawukuqala ngenani uZimbini
  • 6:44 - 6:46
    ngoko ke ukuba uyakwazi ukufumana enye into engenye ethi ingene apha
  • 6:46 - 6:48
    uzawukwazi ke ukuba ayisiyiyo iPrime
  • 6:48 - 6:51
    kwaye ke inani eli Shumi elinesiThandathu ungakwazi ukuthi uZimbini uze umphindaphinde kaSibhozo
  • 6:51 - 6:53
    ungamfumana nango Zine umphindaphinde kaNe
  • 6:53 - 6:55
    ngoko ke ineton yamanani amancinane
  • 6:55 - 6:58
    ngaphezu koko nagaphaya kwenani elingu Nye kwakunye neShumi elinesiThandathu.
  • 6:58 - 7:02
    ngoko ke uShumi elinesiThandathu akayiyo iPrime.
  • 7:02 - 7:06
    uNye kwakunye neShumi elinesiXhenxe uzakunika ishumi elinesiXhenxe
  • 7:06 - 7:11
    uZimbini akayi kuShumi elinesiXhenxe, uZintathu akayi ku Zine, Zinhlanu, zintandathu, ZisiXhenxe, ZisiBhozo...
  • 7:11 - 7:15
    alikho inani ke apho eliphakathi koNye kwakunye noShumielinesiXhenxe
  • 7:15 - 7:21
    Lilonke ke uShumi elinesiXhenxe uyiyo iPrime
  • 7:21 - 7:24
    Ngoku ke ndizawukunika engathi inzima
  • 7:24 - 7:27
    Lena ke yona ingaba bhida abantu abaninzi
  • 7:27 - 7:34
    Sizakuthini kengoku ngamaShumi Amahlanu anaNye? Ingaba uyi Prime?
  • 7:34 - 7:37
    kwaye ukuba ke unomdla ungakwazi ukumisa kancinane lomboniso bhanyabhanya apha
  • 7:37 - 7:40
    kwaye uzame ukuzifunela ngokwakho
  • 7:40 - 7:42
    ukuba ingaba amaShumi amaHlanu anaNye ayi Prime number
  • 7:42 - 7:45
    Ukuba ke uyakwazi ukufumana nokuba yeyiphi enye into ngaphandle koNye okanye Amashumi Amahlanu ananye
  • 7:45 - 7:48
    enokuthi yahlula hluleke kumashumi amahlanu ananye. Kuyabonakala ukuba...
  • 7:48 - 7:50
    wow linani eli noko elithanda ukunga qheleki
  • 7:50 - 7:52
    Ungacinga ukuba iyiyo iPrime,
  • 7:52 - 7:54
    Kodwa ngoku ndizawuku ninika impendulo
  • 7:54 - 8:00
    Akayiyo iPrime, kuba nayo ayikwazi ukwahlula hluleka ngeSithathu nakwangeShumi elinesiXhenxe
  • 8:00 - 8:03
    Isithathu ke usiphindaphinde ngeshumi elinesiXhenxe likunika amashumi amahlanu ananye.
  • 8:03 - 8:05
    ngoko ke ngethemba ukuba lento ikunika ukuqonda okulungileyo
  • 8:05 - 8:06
    ngokokuba amanani aziiPrime angantoni na
  • 8:06 - 8:09
    ngokwe themba ke singakunika ukuzilolonga
  • 8:09 -
    kuyo imiboniso bhanyabhanya kwixa elizayo kwaye umhlawumbi nakuzo ezinye izibalo ezincinane
Title:
Prime Numbers
Description:

more » « less
Video Language:
English
Duration:
08:13
Amara Bot edited Xhosa subtitles for Prime Numbers
yangazukelwa added a translation

Xhosa subtitles

Revisions