Wamkelekile kwicandelo lesibini lwentetho nge "quadratic equation'. Kulungile ndiyacinga ukuba ndinibhidekisile kwixesha elidlulileyo ngoko ke mandijonge ukuba ndingayilunmgisa na lonto kancinci ngokwenza imizekelwana eliqela. Ngoko ke masiqale ngokujonga isishwakathelo sokuba yintoni i'quadratic equation". Ithi i"quadratic equation", ukuba ndizama ukusombulula inxaki "Ax" ophindwe kabini dibanisa "Bx" dibanisa "C" lingana no 0, kwangoko i- sisombululo oaknaye izisombululo ngoba ngokwesi qhelo zibambini phinda-phinda lanto idibana kumgca osembndini ongu "x", okanye zimbini izisombululo zalena inxaki ngu 'x' ulingana nothabatha 'B' dibanisa okanye thabatha ingcambu ka 'B' ophindwe kabini thabatha 4 phinda-phinda 'A' phinda-phinda 'C'. Kwaye yonke lonto uyibeka ngaphezu ko'2A'. Ngoko ke masenze inxaki kwaye ndiyathemba lento ifanele ukwena kancinci imvakalelo. Ngu 2 ongezantsi. Ngoko ke masithi bendinenxaki, thbatha '9x' ophindwe kabini thabatha '9x' dibanisa 6 ilingana no0. Ngoko ke lomzekelo ngubani u'A'? Kulungile, 'A' ngumlingani ka 'x' ophindwe kabini. Esi simeli u'x" ophindwekabini ulapha, umlingani wakhe ngu thabatha 9. Ngoko ke masibhale lonto. 'A' lingana no thabatha 9. Ulingana nabani u'B'? 'B' ngumlingane wesimeli u'x', ngoko ke esisimeli silaopha. Ngoko ke u'B' ukwalingana no thabatha 9. Kwaye u'C' sisimeli esingatshintshiyo, ngokwalomzekelo ngu6. Ngoko ke 'C' ulingana no 6. `Ngoku sizaku vela sitshintshe sifke lamanani kubuqu be"quadratic equation". Ngoko ke thabtha 'B', ngoko kengu thabatha phinda-phinda thabatha 9. ngu 'B'. Dibanisa okanye thabatha ingcambu ka'B' ephindwe kabini, ngoko ke ngu 81. Akunjalo? Thabatha 9 ophindwe kabini. Thabahta 4 phinda-phinda ngo thabatha 9. Ngu 'A'. Phinda-phinda 'C', ngokucacileyo ngu 6. Kwaye yonke lonto ibekwe ngaphezu ko 2 phinda-phinda ngo thabatha 9, ngokucacileyo ngu thabatha 18, akunajalo/ 2 umphinda-phinda ngo thabtha 9-- '2A'. Masizame ukuyicazulula lento apha. Kulungile, thabatha thabatha 9, ngudibanisa 9. Dibanisa oakanye thabatha ingcambu ka 81. Masibone. Lento ngu thabatha 4 uphinda-phinda ngo thabatha 9. Uthabatha 4 umphinda-phinde ngo thabatha 9 ngu dibanisa 36. Kwaye kwangoko dibanisa 36 umphinda-phinde ngo 6 ngu--masibone. 30 umphinda-phinde ngo 6 ngu 180. Kwaye kwangoko 180 dibanisa omnye u36 ngu 216. Dibanisa 216, ilungile lanto/ 180 dibanisa 36 ngu 216. Yonke lanto uyibeke ngaphezu ko '2A'. '2A' besesitshilo sathi ngu thabatha 19. Ngoko ke cazulula lonto kakhulu. Ngu 9 dibanisa okanye thabatha ingcambu ka 81 dibanisa 216. Ngu 80 dibanisa 217. Ngu 297. Kwaye yonke lanto uyibhale ngaphezu ko thabatha 18. Ngoku, lento ngqo ngu--elona candelo linzima nge "quadratic equation" ngamaxesha ohlukeneyo vela ucazulule lento unayo. Kufuneka sijonge phandle ukuba asinokwazi ukuyicazulula lento ngokugqibeleleyo. Kulungile, masibone. Indlela enye yokujonga lento phandle ukuba inani liyohluleka ngo 9 kuku dibanisa gqo imivo kwaye sibone ukuba imivo iyakwazi ukuhluleka ngo 9. Kwelicandelo, ngu. 2 dibanisa 9 dibanisa 7 ilingana no 18. Ngoko ke masibone ngamatyeli amangaphi u9 ayangawo kulanto. Ndizakuyenza ecaleni apha, andifuni ukudakisa kakhulu. 9 umse ku 297. 3 umphinda-phinde ngo27. 27-- uya amatyeli ayi33, akunjalo? Ngoko ke lento iyafana no 9 dibanisa okanye thabatha ingcambu ka 9 uyiphinda-phinde ngo 33 thbabtha 18 ngaphantsi. Kwaye 9 yeyona ngcambu yoqobo. Yiyo lonto bendifuna ukubona ukuba u9 angasebenza ngoba yeyona ndlela bendinokuphuma ngayo ngokugqibeleleyo, ukuba yeyona ngcambu yokwenene. Njengokuba ufundile kulamigaqo yezalathi kulam'miselo wokuqala. Ngoko ke lento ilingana no 9 dibanisa oakanye thabatha 3ingcambu ka 33, kwaye yonke lanto ngaphezu ko thabatha 18. Sesigqibile. Singayicazulula ngoba 9,3 kunye nothabatha 18 zonke ziyahluleka ngo 3. Masiyohlule yonke lanto ngo 3. 3 dibanisa okanye thabatha ingcambu ka33 ngaphezu ko thabatha 6. Kwaye sigqibile. Ngoko ke njengokuba ubona, eyonanto inzima nge "quadratic equation" kukusuka nje qha ucazulule into oyinikiweyo. Kodwa itno besiyithethile, ndiyayazi ungaba kanti uyilahlile indlela--senzile yonke lento izibalo--njengokuba besitshilo, lenxaki: thabatha '9x' ophindwe kabini thabatha '9x' dibanisa 6. Ngoku sifumene amanani amabini amelwe ngu 'x' ezinokuyanelisa lenxaki kwaye iyenze ilingane no 0. Omnye u'x' ulingana no3 dibanisa ingcambu ka 33 ngaphezulu dibanisa 6. Kwaye elesibini ngu 3 thabatha incambu ka 33 ngaphezulu thabatha 6. kwaye ungafuna ukucinga ukuba kutheni sino dibanisa okanye uthabatha. Sinala dibanisa okanye thabatha ngoba ingcambu ingaba gqo linani elidibanisayo okanye elithabathayo. masenze enye inxaki. Ngethemba lena ingaba lula kancinci. Masithi ndifuna ukusombulula uthabatha '8x' ophindwe kabini dibanisa '5x' dibanisa 9. Ngoku ndizakuthatha ngathi siyinqayile i"quadratic equation" ngoba yinto ekufanele uyenze. Okanye ungayibhala phantsi kwiphwetsha. Kodwa i"quadratic equation" ngu thabatha 'B'-- ngoko ke u'b' ngu 5, Sizama ukuyisombulula ilingana no0, ngoko ke thabatha 'B' Ngoko ke thabatha 5, dibanisa okanye thabatha ingcambu ka 'B' ophindwe kabini- ngu 5 ophindwe kabini, 25. Thabatha 4 umphinda-phinde ngo 'A', ngoklucacileyo nguthabatha 8. Phinda-phinda ngo 'C', ngolkucacileyo ngu 9., Kwaye yonke lonto ingaphezulu kuka 2 umphinda-phinde ngo 'A'. Kulungile, 'A' ngu thabatha 8, ngoko ke yonke lanto uyibeke ngaphezu kuka thabatha 16. Ngoko ke masicazulule lento sinayo apha. Kulungile, ilingana no thabatha 5 dibanisa oakanye thabatha ingcambu ka 25. Makheibone. 4 umphinda-phinde ngo 8 ngu 32 kwaye uthabatha uyaphuma ngaphandle, ngoko ke ngu dibanisa 32 phinda-phinda 9. Dibanisa 32 umphinda-phinde ngo 9, makhe sibone. 30 umphinda-phinde ngo 9 ngu 270. Ngu 288. Ndiyacinga. Kunjalo? 288. Sinayo yonke lanto ngaphezulu ku thabatha 16. Ngoku yicazulule kakhulu. Thabatha 5 dibanisa oakanye thabatha ingcambu--25 dibanisa 288 ngu 313 ndiyakholelwa. `Kwaye yonke lanto ingaphezulu kuka thabatha 16. Kwaye ndiyacinga, andikho 100% ngokuqinisekileyo, nangona ndiqinisekile. Khange diyitshekitshe. Laa 313 akasoze abe linani elingenayo kuphinda-phindo lwe ngcambu yoqobo kwaye nelinye inani. Ngokom'miselo, ingaba linani lodidi lokuqala. Ngeyo nanto onokufuna ukuyijonga. Ngoko ke ukuba leyo yindlela kwaye siyifumene ngokupheleleyo ngendlela ecaulweyo, kwaye sathi simbini izisombululo, mabini amanani amlwe ngu 'x' anokwena inxaki ibe yinyaniso. Elinye lawo ngu 'x' ulingana no thabatha 5 dibanisa ingcambu ka 313 ngaphezulu ko thabatha 16. Kwaye enye ingcambu ngu 'x' ulingana no thabatha 5 thabatha ingcambu ka 313 ngaphezulu ka thabatha 16. Ngethemba yomibini lemizekelo izakunika imvakalelo elungilelo ngendlela yokusebenzisa i"quadratic equaton'. Ndinga dibanisa emininzi imiyalelo eqinqiweyo. Kwaye kwangoko, ukubalasela kwakho kulento, ndizakufundisa ungeza njani ukusombulula i"quadratic equation' xa ufumana amanani athabathayo ngokugqibeleleyo. Inikisa umdla kakhulu. Ngenye indlela, ndiyathemba ungenza imimiselo eqinqiweyo kwaye mhlawumbi ndizakudibanisa ezimbalwa ubuninzi intetho ngoba lona akalulanga kwaphela lomlinganiso. Ndiyathemba ukuba ubuyo nwabele. Kulungile.