I-Firefox OS kuphela kwefowuni eyenziwe kucingwa ngomsebenzisi.
Kulula ukuyisebenzisa nokuyilungelelanisa.
Abasebenzisi bangaseta ifowuni ukuze bayisebenzise ngolwimi lwabo lwemveli
Balawule ukuyisebenzisa kwabo ingcombolo,
ukuyenza eyabo ngokuyila ezabo ii-ringtone bade bakhuphele ii-apps ekuhlaleni
ezifanelekileyo ezinokuphuhlisa zibenze lula ubomi babo
I-Firefox OS izaliswe ngazo zonke iifitsha ezilindelwe nezifunwa ngabathengi bakho
nabazifunayo kwi-smartphone.
I-Firefox OS ixhaswa yi-Mozilla,
uluntu lwasehlabathini jikelele oluzinikele ekuqinisekiseni ukuba iWebhu ifumaneka kumntu wonke.
Makhe sijonge ifowuni
Njengoko ubona, ilula ukuyinavigayitha.
I-Firefox OS ineefitsha eziliqela umthengi azifunayo
Njengemiyalezo, ii-imeyile, i-Firefox marketplace.
ii-app ezidumeleyo njengeKhasilobuso, ikhamera, ne-app yegalari yeefoto
ngokunjalo nebhrawuza ye-Firefox