Leliphi inani eliphelelyo elizakwenza esi statement sibe yinyani? Sinesi statement apha apho sinezibiyeli zingaphantsi ko 7. Ngoko kufuneka sifumane ukuba leliphi inani elipheleleyo, ukuba silibeka apha, lingaphantsi kuno 7. Ngoko masizobe umgca manani siye ku 7. Xa sithetha ngenani elipheleleyo, sithetha ngamanani angekho negative okanye amanani aqala ku zero, kwaye azizo fraction. Mandizizobe apha kumgca manani. Masithi sinalomgca manani apha. Sizakuqala 0. Ungaya ngaphantsi kuka 0. Ngamanani a negative, asizokuzikhathaza thina ngawo ngoku. Ngoko uno 0,1,2,3,4,5,6,7-- ndizakunyuka kancinci-- 8,9. ngoku sifuna onke lamanani angaphantsi kuno 7. Ithetha lonto. Singayibhala kanje. uphawu lombuzo lingaphantsi kuno 7, yintoni enokwanelisa uphawu lombuzo? eyona nto inzima ngezi zinto zokubankulu kono okanye incinci kuno kukuba ukhumbule ukuba uphawu lithetha ntoni. Sinecala elincinci elikhombe kwiphawu lombuzo, lelona nani lincinci elo. Sinecala elikhulu elikhombe ku 7, ngoko u 7 uzokuba linani elikhulu kunala mabini amanani. Ngawaphi amanani anelisa lonto? Kulungile , nantoni na engaphantsi ko 7 naliphi na inani elipheleleyo elingaphantsi kuno 7. Ngoko ukuba sijonga u 7 kumgca manani, mangaphi amanani apheleleyo angaphantsi kuno 7, angaphantsi kuno 7? Kulungile sino 6, sino 5, sino 4,3,2,1 okanye u 0. Ngoko ungabeka naliphi inani apha kwaye isi statement singaba yinyaniso. Ungabhala u 0 ukuba mncinci kuno 7. Yinyaniso. Ingabhala ukuba u 3 mncinci kuno 7. Yinyaniso. Ungabhala u 6 ukuba mncinci kuono 7, kwaye izokuba yinyaniso. Ungabhala u 8 ukuba mncinci kuno 7, ngoko u 8 ayiyo ayiyanelisi lento. Ayiyonyaniso leyo. Ayiyonyaniso, asinokwazi ukuyibhala. u 8 mkhulu kuno 7.