Ukuzothi ga ngoku ndicinga ukuba unalo ufifi lokuba yintoni na uphinda-phindo. Okanye "ninzi"- phinda Into esizawuyenza kulomboniso, kukunika umsebenzi kakhulu, ndizokuqala ngokokucinga kwakho ngoluhlu lophinda-phindo. futhi uzawubukela imibonisi eyaneleyo ye Khan Academy, ndiyathemba ukuba uzawukwazi ekuhambeni kwexesha uzawufumana ukuba andingomntu othanda ukunkqaya. kodwa into enye ngophinda-phindo ukuba unkqaya uluhlu lophinda-phindo esizakulenza kulomboniso, kuzawuba lugalelo olukhulu ebomini bakho lonke. ndiyathembisa, yenze ngoku, awusoze uphinde ulibale, ubomi bakho bonke yonke into izawuba-- kodwa ke , andifunukwenza ithemba lobuxoki, kodwa kuza kubangcono ukuba awulunkqayanga uluhlu lophinda-phindo. Ngoko ke yintoni uluhlu lophinda-phindo? ngawo onke amanani ahlukeneyo aphindaphindanayo. masikhe sicinge kwakhona kancinci. ukuba ndithi, ngubani u-2 umphinda-phinde ngo-1? ilingana no-2 ilingana no-2 ngu -2 akunyanzelekanga ndidibanise nanayphina into ngoba kukho u -1 no-2 pha. ndingayibhala nangoluhlobo, u-1 dibanisa 1 kabini ngoko ke ikwangu 1 dibanisa 1 nalonto ke ilingana no-2. kulungile. ngoko ke u-2 umphinda-phinde ngo-1 ngu-2 ukuba ke ubuwubukele umboniso ogqithileyo, ngubani u-2 umphinda-phinde ngo-0? ngu-0 ngoko ke akunyanzelekanga ukunkqaya uluhlu lophindaphindo luka-0 ngoka yonke oyiphanda phinda ngo-0 ngu-0, okanye u-0 umohinda-phinde nangeyiphi na into ngu-0. ngoko ke masibone. ngubani u-2 umphindaphinde ngo-2? 2 phinda-phinda ngo-2. lonto ilingana no-- sizakudibanisa u-2 ku-2 kabini. 2 dibanisa 2 kukho indlela yokwenza linto ndingathi thatha u-2 umdibanise ku-2 kabini, kodwa yinto efanayo ngoko ke ngubani u-2 dibanisa 2? zenza u-4. ngubani u-2 phinda phinda ngo-3? u-2 phinda phinda ngo-3 ilingana no -2 dibanisa 2 dibanisa 2. ingalingana futhi no -3 dibanisa 3. Sifundile kukmboniso owandulela lo lomzekelo singambhala ngenye indlela eyahlukileyo. futhi nangeyiphi na indlela, ilingana nantoni? u-3 dibanisa 3 yinto efanayo no 2 dibanisa 2 dibanisa 2 zenza u-6 kulungile. ngoku ngubani u-2 phinda phinda ngo4? 2 phinda phinda ngo-4. ngu 2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2 . qaphela, iyafana nqwa no 2 phinda-phinda 3. u-2 phinda-phinda 3 ebenjalo. ndinalonto apho, kodwa ngoku ndongeze onmnye u-2. ukuba ke siyonqen apha ukudibanisa u-2 dibanisa 2 ngu-4. u-4 dibanisa 2 ngu 6 endaweni yokwenza njalo, singathi, jonga, sesiyazi lento apha ukuba ibingu-6 siyibonile kumgca ongentla siyibonile ukuba ngu-6, kungoko ke singathi, u-2 phinda-phinda ngo-4 izakuba 6 dibanisa 2, lonto yenze u-8 futhi ndiyathemba ukuba uyayibona lonto. njengoba sisuka ku 2 phinda-phinda ngo-2, siye ku-2 phinda-phinda ngo-2, ukuya ku-2 phinda phinda 3, yintoni eyenzekayo? Sinyuka ngenani elingakanani? ukusuka ku-2 ukuya ku-4 sinyuka ngokongeza u-2 ukusuka ku-4 ukuya ku-6 sinyuke ngokongeza u-2 futhi ke ukusuka ku-6 ukuya ku-8 sinyuke ngokongeza u-2 ngoko ke ungakwazi ukufumana ukuba ngubani u-2 phinda-phinda ngo -5, nangaphandle kokwenza udibaniso u-2 phindaphinda ngo-5 ulingana no 2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2. isenokubhalwa ngoluhlobo lokuba ngu -5 dibanisa 5 u-2 phinda-phinda ngo-4 ebenokubhalwa ngoluhlobo, 4 dibanisa 4 lonto zenza ntoni? singazidibanisa zonke ezi okanye singongeza u-2 okanye singathi izawuba ngu-2 phindaphinda ngo-4 songeze u-2 ngoko ke ibengu-10 ndizakuligqiba ukuhlu lophinda-phindo luka-2 ndicinga ukuba uyawubona umfuziselo ovelayo apha. ngoko u-2 phinda-phinda ngo-6 izawubangu ngu-2 dibanisa 2 kathandathu. Masibone. 1,2, 3, 4, 5, 6, ekufaneleke ilingane no-6 dibanisa lento ingatolikwa nangeyiphina indlela. futhi ke izawulingana no-12. kwakhona, u-2 umphinda phinde kayi-5 wongeze u-2 ngoba songeza u-2 ku-2 kwakhona ngoko ke izawubanochatha ngo-2 masiqhubeke. u-2 umphindaphinde ngo-7. u-2 umphindaphinde ngo -7 ngu-- singabhala u-2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2-- lento ingxamele ukudina-- dibanisa 2 dibanisa 2. ingaba ngu-7? 1, 2, 3, 4, 5, 6, 7. lonto ke iyafana nqwa no -7 dibanisa 7, lento ke ungayazi okanye ungayazi ukuba ilingana no-14 ungathi nje haybo, izawuba ngu-12 dibanisa 2 ngoko ke u-12 dibanisa 1 dibanisa 2 ngu-- u-12 dibanisa 1 ngu-13. u-12 dibanisa 2 ngu-14 kulungile ke masiqhubekeke. u-2 umphindaphinde ngo-8 ndingayenza yonke lento ngokongeza oo-2 okanye ndingathi, jonga, izawuba ngu-2 phinda-phinda ngo-7 dibanisa -2 ke ndingathi izawuba ngu -14 dibanisa 2 ndongeza nje u-2 kuleya ngoko ndingthi ngu -16 okanye ndingathi futhi ngu-8 dibanisa 8 nayo ngu-16 bendingenza ngoo-2 bodwa kodwa ungayenza wena ukuba yindlela onakwazi uyifunda ngayo. sesisondele--singaqhubekeka okokoko ngoba akukho nani likhulu. ndingaqhubekeka u-2 phinda-phinda 9 phinda phinda 10 phinda-phinda 100 phinda phinda 100 phinda phinda 1000000 kodwa ndizawuma apha ku-12 ngoba abantu bavame ukunkqaya baphelele apha kodwa ukuba ufuna ukuba yi "mathelete" ufuna ukuya phezulu ku-20 kodwa ke masiye ku-2 phinda-phinda ngo-9 izawuba ngu -2 phinda phinda ngo -8 songeze u-2 izawuba ngu-18 okanye ngu-9 dibanisa 9 ikwangu-18 ngubani u -2 phinda phinda ngo-10 futhi ke uluhlu lophinda phindo luka-10 lunika umdla kakhulu. futhi ke emizuzwini nje embalwa sizawubona umfuziselo xasizama ukugqiba lonke uluhlu lophinda phindo ngoko ke ngubani u -2 phinda phinda ngo 10 u-2 phinda phinda 9 dibanisa -2 ngu-20 okanye singathi ngu -10 dibanisa 10. u-10 dibanisa ngomnye u-10 ngoku ke yintoni enika umdla apha? lento ikhangeleka njengathi ngu-2 ekongezelelwe u-0 futhi uzawuyibona lonto yonke into oyiphinda phinda ngo-10, uthatha nje ngobeka iqanda ekunene futhi ungacinga ke ukuba kutheni injalo ungayivelela ngokuthi oo-2 abayi-10 ngu -20 kungoko ingu -20 sesizawugqiba masenze u-2 phinda phinda ngo-11 u-2 phinda phinda 11 sizakongeza u-2 apha izawuba ngu-22 omnye umfuziselo onika umdla. ndinenani eliphinda phindeka kabani--u -2 no-2 inika umdla. into ekumele uyijonge njengoba sijonga olunye uluhlu lophinda phindo. okokugqibela kengoku-- futhi ayiyoyokugqibela, singaqhubekeka-- u-2 phinda phinda-- lowo ngumbala omnyama. u-2 phinda-phinda ngo 12 u-2 phinda phinda ngo-12 izawuba ngu-2 phinda phinda ngo-12 songeze u-2 lowo ke ngu -24 besinoyibhala ngalendlela yokuthi 12 dibanisa 12 okanye besingathi 2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2 dibanisa 2...kalishumi elinambini yonke lonto ikunika u-24 leyo ke luluhlu lophinda phindo luka-2 futhi ndiyacinga ukuba uyalubona ufuziselo. lonke ixesha uphinda phinda ngenani elingaphezulu wongeza nje u-2 kwelonani ngoko ke siyalibona ufuziselo, masibone ukuba singaligqiba uluhlu lophinda phindo. ngoko ke into endizawuyenza ngoku, ndizawubhala onke amanani. masibone. ndiyathemba ukuba ndinayo indawo yalento 1, 2, 3, 4, 5, 6, 7, 8, 9. ngokwenene, ndizakuyenza de ibengu-9 ndizawuqhubeka nje 9 ngokwenene andizubanandawo yokuyenza lonto ngoba ndifuna ulibone lonke uluhlu ngoko ke ndizokwenza ndiyokufika ku-9 kodwa ndiyakhuthaza ukuba emva kwalomboniso uqhubekeke ugqibezele. mhlawumbi ukuba besinexesha bendizakuyigqibezela apha nayo ngoko ke ezi ngamanani okuqala endizakuwaphinda phinda futhi ndizakuwaphinda phinda ngo 1, 2, 3, 4, 5, 6, 7, 8, no 9 into endizakuyenza yile, ndiza-- okokuqala-- ngokwenene bekufanele ndibhale le ngaphantsi-- ngubani u-1 phinda phinda ngo-1 lena ke yindlela endizakuyiveza ngayo. nayiphina into engu-1 phinda-phinda 1 ndizayibhala apha ngoko lo ngu-1 ngubani u -1 phinda phinda -2? ngu-2 lowo ngubani u-1 phinda phinda 3? ngu-3 onke amanani owaphinda phinda ngo-1 lelonani ngoko ke ndingabhala nje 4, 5, 6, 7, 8, 9. u-1 phinda phinda ngo9 ngu-9. kuyavakala. ngoku ke masenze uluhlu lophinda-phindo luka-2 ndizawlenza lona ngombala owohlukileyo ngokwenene ngoku ke mhlawumbi mandisebenzise umbala ongathi untsundu ukwenza uluhlu lophinda phindo luka -2 ngubani u-2 phinda phinda ngo 1 ngu-2 iyafana no 1 phinda phinda ngo-2 qaphela, lamanani mabini yintwenye. ngubani u-2 phinda ngo-2? ngu-4 u-2 phinda phinda ngo-3 ngu-6 sisandoyenza lento. lonke ixesha kukho ulwandiso or uphindaphindo ngenani eliphezulu, wongeza nje u-2. u-2 phinda phinda ngo- 4 ngu -8 yinto efanayo no-4 phinda phinda ngo-2. u-2 phinda phinda ngo-5 ngu-10. u-2 phinda phinda -6 ngu -12 ndongeza nje u-2 ngalolonke ixesha. phaya ngentla bendisangeza u-1, apha ndongeza u-2. u-2 phinda phinda ngo-7 ngu -14. u-2 phinda phinda ngu -16 u-2 phinda phinda -9 ngu -18 kulungile, masenze uluhlu lophinda phindo luka -3 ndizawulenza ngombala otyheli. tyheli u-3 phinda phinda 1 ngu - 3 qaphela, u-3 phinda phinda -1 ngu -3 u-1 phinda phinda 3 ngu -3 lamanani ayafana ngokomgangatho u-3 phinda phinda 2 uyafana no -2 phinda phinda ngo-3 u-3 phinda phinda 2 kufuneka afane no -2 phinda phinda -3 ngoko ke ngu-6. futhi ke lonto iyavakala. u-3 dibanisa 3 ngu -6 okanye u-2 dibanisa 2 dibanisa 2 ngu-6. ngoko ke apha sizakwenyuka qho ngo-3 uyawubona umfuziselo. u-3 phinda phinda ngo-3 ngu-9 u-3 dibanisa 3 dibanisa 3 ngoko ke sisuke ku-3 saya ku-6 saya ku-9 ngoko ke u-3 phinda phinda ngo 4 izawuba ngu-12 ndongeza nje u-3 ngalolonke ixesha. u-12 dibanisa -3 ngu 15 u-15 dibanisa -3 ngu -18 u-18 dibanisa -3 ngu -21. u-21 dibanisa 3 ngu -24 u-24 dibanisa 3 ngu -27 ngoko ke u -3 phinda phinda -9 ngu -27 u-3 phinda-phinda -8 ngu -24 ukuba ubunothi 8 dibanisa 8 dibanisa 8, ibizabangu 24 masibone ukuba ndingakwazi na-- ngoku ke ndizakuyikhawulezisa kancinci nje, njengokuba siwubona umfuziselo futhi kufuneka uyenze ngokwakho lento kufuneka uyinkqaye yonke into esiyenzayo. kufuneka ngokwenene wenze uyofika ku-12 kumacala omabini, ngoko ke masibone. u-4 phinda phinda ngo-1 ngu 4. ndizakuyenza lena ngokwangeza u-4 nje. u-4dibanisa -4 ngu-8. u-8 dibanisa -4 ngu-12 u-12 dibanisa 4 ngu 16 u-16 dibanisa 4 ngu 20 u-20 dibanisa 4 ngu-24 u-4 phinda phinda ngo-6 ngu -24. u-4 phinda phinda -7, ngu-28 ndinyuka nje ngo-4. ngu-32 no 36. kulungile, u-5 phinda phinda ngo 1. u -5 phinda phinda 1 izawuba ngu 5 ngokwenene, siyayazi yone into e--kulungile, ndifuna siqhubekeke nokutshintsha imibala lonto ndizakuyenza kwimiqolo enjengale u-5 phinda phinda ngo -1 ngu -5 u-5 phinda phinda ngo-2 ngu 10 u-5 phinda phinda ngo-3 ngu 15 ndizawukwenyuka ngo-5 ngoku.. uluhlu lophinda phindo luka -5 luyonwabisa kakhulu nalo ngoba kuwo onke amanani uzokongeza--ukuba siphinda phinda kahlanu bamba ke, sizakufunda nge kodwa ke onke manye amanani kuluhlu lwawo agqibela ngo-5 zonke ke ezinye zigqibela ngo- 0 ngoba xa udibanisa u-5 ku 15 ufumana u-20. ufumana u-25, 30, 35, 40, 45. haynoko uluhlu luka -6, mandilenze olu ngombala ohlaza u-6 phinda phinda ngo -1 ngu -6 ilula leyo xa usangeza u-6 apho, ufumana u-12. xa usangeza u-6 apho, ufumana u-18 xa usangeza u-6 apho ufumana u-24 xa usangeza u-6 apho, ufumana u-30 emveni koko wongeze u-6 kwakhona, 36, 42, 48. u-48 dibanisa -6 ngu 54. ngoko ke u 6 phinda phinda 9 ngu 54. kulungile, sezizokugqiba. 7 phinda phinda 1, ngu 7 lowo.