-
ndifuna ukukubonisa indlela ezakuthi, noko, endiyifumana iluncedwana
-
thabatha amanani entlokweni yam
-
ndiyenza ke ngale ndlela -- ayikhawulezi ke noko apha
-
ephepheni, kodwa iyakuvumela ukuba uyikhumbule lento uyenzayo
-
ngokuba ukuba uqala ukuboleka iye ithande ukuba nzinyana
-
ukukukhumbula eyona nto yenzekayo.
-
masikhe sizame ke iingxakana nje ezimbalwa
-
masikhe sithathe 9,456 uthabathe u7,589
-
ngoko ke uhlobo endiyenza ngayo lento apha kum entloko
-
ndiye ndithi 9,456 thabatha 7,589 -- kufuneka ke
-
ukhumbule ke lamanani amabini
-
ngoko ke into yokuqala endiyenzayo, kukuthi yintoni u9,456
-
thabathe u7000?
-
ilula kenoko ngoba ndithatha nje u9000 thabatha u7000
-
ngoko into endiyenzayo kuku xhaxha nje lena ndandule uku
-
thabatha u7000 apha kuye
-
ndizawukufumana ke u2,456
-
ngoko ke apha kum entloko ndiye ndizixelela ukuba 9,456 uthabathe u7,589
-
ikwafana nje -- ukuba ke ndithe nje ndathabatha u7000 --
-
njengo 2,456 uthabathe 589
-
ndiye ke ndamkhupha lo u7000
-
ndiye ke ndamthabatha apha kuwo ke lamanani omabini
-
ngoku ke, ukuba ndifuna ukwenza u2,456 uthabathe u589into ke endithi ndiyenze
-
kuthabatha u500 kuwo omabini la manani
-
ngoko ke ukuba ndiyathabatha u500 kulo eli nani lingezantsi
-
lo uFIVE uzawukuduka
-
kwaye ukuba ndithabatha u500 kulo eli nani lingentla, kwenzeka ntoni?
-
uyintoni ke u2,456 uthabathe u500?
-
okanye enye indlela elula yokuyicinga?
-
ingaba yintoni ke u24 uthabathe uFIVE?
-
loonto yenza uNINETEEN.
-
ngoko ke izawukuba ngu 1,956
-
mandikhe ndinyuke nje kancinci
-
ngoko ngu 1,956
-
ngoko ke ingxaki ebesiqale ngayo iye yafumana ukucuthelwa ku 1,956 uthabathe 89
-
ngoku ke ndinga thabatha u80 kuwo omabini lamanani
-
ukuba ke ndithe ndathabatha u80 kulo eli nanilingezantsi u8 ke yena uyaduka
-
89 uthabathe u80 ikunika loonto u9
-
zendithabathe u80 apha kulo eli inani liphezulu, ndingacinga nje ngalo
-
ingaba yintoni u195 uthabathe u8?
-
Fifteen minus eight is seventeen.
-
ngoko ke u195 uthabathe u8 izakukunika u187 usezakuba
-
naye laa 6 apho
-
ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876
-
ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876
-
singayenza ke loonto apha kuthi entloko,
-
yintooni ke u76 uthabathe u9?
-
yintoni?
-
67
-
ngoko ke impendulo yethu yokugqibela ngu 1,867
-
kwaye njengoko ubona ukuba lento ayikhawulezi kunale indlela
-
sithe sayenza ngayo kwenye imoboniso
-
kodwa ke isizathu sokuba ndibe ndiyayithanda kweli nqanaba,
-
kungenxa yokuba ke kufuneka ndikhumbule nje lamanani mabini
-
kufuneka nje ndikhumbule amanani am angentla kwakunye
-
nalamanani am angezantsi
-
inani lam elitsha elingezantsi lisoloko lifana nje neentshiyekela
-
yeedigits yalamanani okuqala angaphantsi
-
lulo ke oko uhlobo endithi ndithande ukwenza ngalo apha kum entloko
-
ngoku ke, ukuqinisekisa ukuba siye safumana impendulo eyiyo kwaye umhlawumbi
-
ukuthelekisa nje kancinane
-
masiyenze ke ngohlobo oluqhelekileyo
-
u9,456 uthabathe u7589
-
ngoko ke ulhobo olwamkelekileyo lokuyenza, ndiye ndithande ukuzenza
-
zonke ezoboleko phambi kokuba ndenze nokuba yeyiphi eyothabatho khonukuze ndithi
-
kwezoboleko zam, okanye ungayicinga nje ngokungathi kukuzilungisa
-
ngoko ke ndiye ndijonge onke amanani am alapha phezulu ndikwabona ukuba
-
ingaba angaphezulu na kumanani am angezantsi?
-
ndiqala apha ekunene.
-
u6 akamkhulwanga kuno 9, ngoko ke kufuneka ndiboleke
-
ngoko ke ndizawukuboleka u 10 okanye u 1 apha kwezi ndawo zee 10
-
izawukuthi ke iphele sele ingu 10.
-
ngoko ke u 6 uye abengu 16 ze keyena u 5 abengu 4
-
wandule ke ukuya kwindawo ke 10
-
u 4 kufuneka abemkhulu kuno 8, masikhe siboleke u 1
-
apha kwii 100.
-
ngoko ke la 4 uye abengu 14 okanye 14 TENS ngoba
-
sikwi ndawo yee 10
-
ze keyena lo 4 uye abengu 3
-
ngoku ke ezi zimbini iicolumn okanye indawo zibukeka zilungile, kodwa ke apha
-
ndine ziyi 3, ezithi zibe ngaphantsi kuno 5
-
ayilunganga, kufuneka kengoko ndiboleke kwakhona
-
la 3 uye abengu 13 ze keyena la 9 abengu 8
-
ngoku ke ndikulungele ukuthabatha
-
ngoko ke uye ufumane u 16 uthabathe u 7.
-
u 14 uthabathe u 8 zenza u 6
-
13 uthabathe u 5 zenza u 8
-
u 8 uthabathe u 7 zenza u 1
-
sinentlahla kethina, siyifumene impendulo eyiyo
-
ndifuna ukuyenza icaca gca
-
ayikho ke enye indlela engcono yokuba siyenze
-
le indlela ke iye ithande ukuba nde kwaye ithanda ukuthatha
-
indawo eninzi apha kuwe ephepheni kuna le indlela. Kodwa le indlela kum
-
ithanda ukuba nzima kakhulu ukukhumbuleka
-
kunzima kakhulu kum ukukulandela into ebendiyi bolekile kwaye
-
elinye inani liyintoni, njalo njalo
-
kodwa ke apha, nanini na, kufuneka nje
-
ndikhumbule nje lamanani mabini
-
kwaye lamanani mabini aye esiba lula ngokwenqanaba endithi
-
ndingene kulo.
-
yiyo ke loonto ndiye ndicinge ukuba iye ithande
-
ukuba lula kancinane apha kum entloko
-
kodwa ke le inokuba, ngokokuxhomekeka kwimeko, ithande ukuba lula apha ephepheni
-
kodwa ke noko apha bekungamelanga ude ube uyaboleka okanye uphinde ulungise
-
ngoko ke, ngokwe themba uzawukuyifumana iluncedwana.