Return to Video

Isihloko: Uphindaphindo Manani

  • 0:01 - 0:03
    Masifunde ukuphinda-phinda.
  • 0:03 - 0:08
    Phinda-phinda.
  • 0:08 - 0:12
    Ndicinguba into encedayo ukwenza nayiphina into, kukwenza imizekelo kuqala.
  • 0:12 - 0:14
    emvenikoko sithethe ngalomizekelo,
  • 0:14 - 0:16
    sizame ukuqonda ukuba ithetha ukuthini.
  • 0:16 - 0:21
    Kumzekelo wam wokuqala ndineSibini usiphinda-phinde kathathu.
  • 0:21 - 0:25
    Ukuzothi ga ngoku inokuba uyayazi into yokuba ngubani isibini xa usidabanisa nesithathu.
  • 0:25 - 0:27
    Isibini dibanisa isithathu.
  • 0:27 - 0:28
    Ilingana nesihlanu.
  • 0:28 - 0:31
    Ukuba udinga impinda, ungacinga ngento yokuba
  • 0:31 - 0:35
    ukuba ndinesibini-- andiyazi-- magenta ezimbini
  • 0:35 - 0:37
    lombala-- cherries.
  • 0:37 - 0:42
    futhi ndifuna ukudibanisa kuyo iiblueberries ezintathu.
  • 0:42 - 0:45
    Mangaphi kengoku amacala ewonke eziqhamo endinazo?
  • 0:45 - 0:48
    Ungathi kengoku, kanene, inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu.
  • 0:48 - 0:55
    Okanye, ukuba bendinomgca wamanani,
  • 0:55 - 0:58
    inokuba awuyidingi lengcaciso, kodwa ayikhathazi.
  • 0:58 - 1:01
    Ayihluphi into yokunyanzelisa ingcamango.
  • 1:01 - 1:10
    futhi ngu zero. one, two. three, four, five.
  • 1:10 - 1:14
    Ukuba ubeka isibini ngasekunene kweqanda
  • 1:14 - 1:18
    futhi ke ngokwesimo xa sifuna amanani aphozithiv, siya ngasekunene.
  • 1:18 - 1:20
    futhi ke ukuba bekufanele udibanise isithathu
  • 1:20 - 1:22
    bekuzonyanzeleka uhambe kathathu ukuya ngasekunene.
  • 1:22 - 1:26
    ukuba ke ndithi, ndihambe kathathu ukuya ngasekunene,
  • 1:26 - 1:27
    ingaba ndiphelephi?
  • 1:27 - 1:30
    Inye, zimbini, zintathu.
  • 1:30 - 1:31
    Ndiphela kwisihlanu.
  • 1:31 - 1:35
    Uyaqonda ke nangeyiphina indlela, xa udibanisa isibini nesithathu kuphuma isihlanu.
  • 1:35 - 1:38
    Ngoku ke, ngubani isibini isibini xa usiphindaphinda kathathu?
  • 1:38 - 1:42
    Indlela elula kukucinga ngophinda-phindo okanye ukuphinda-phinda into
  • 1:42 - 1:47
    yidlela elula yokudibanisa oko oko.
  • 1:47 - 1:50
    lonto ithethukuthi ke, ithandubanzinyana.
  • 1:50 - 1:52
    Awuzokudibanisa isibini kwisithathu
  • 1:52 - 1:53
    Uzawudibanisa--
  • 1:53 - 1:56
    futhi ke ngokusenyanisweni zimbini iindlela onocinga ngayo.
  • 1:56 - 2:00
    Uzawudibanisa isibini kuso kathathu.
  • 2:00 - 2:01
    Ngoku ithetha ukuthini lonto?
  • 2:01 - 2:08
    Ngoku ke, itheth'ukuthi lonto uzawudibanisa isibini nesinye isibini nesinye isibini.
  • 2:08 - 2:09
    Siyephi kengoku isithathu?
  • 2:09 - 2:13
    Zingaphi izibini esinazo apha?
  • 2:13 - 2:17
    Masibone, ndinesibini esinye, ndinesibini ezimbini,
  • 2:17 - 2:19
    Ndinoo-2 abathathun
  • 2:19 - 2:20
    Ndibala amanani apha
  • 2:20 - 2:22
    ngendlela efanayo endibale ngayo iiblueberries.
  • 2:22 - 2:24
    Bendina 1, 2, 3 blueberries.
  • 2:24 - 2:27
    Apha ndina 1, 2, 3 yoo-2.
  • 2:27 - 2:34
    ukuba isithathu sindixelela ukuba bangaphi oo-2 ekufuneka ndinabo
  • 2:34 - 2:36
    kengoku, nguba isibini usiphinda-phinde kathathu?
  • 2:36 - 2:41
    Ndithathe isibini ndasidibanisa nesinye isibini kathathu.
  • 2:41 - 2:43
    Lonto ithethe ukuthi isibini usidibanise nesinye isibini sisine.
  • 2:43 - 2:47
    Isine usidibanise nesibini zenza isithandathu.
  • 2:47 - 2:48
    Lonto ke yenye yeendlela yokucinga ngayo.
  • 2:48 - 2:52
    Enye indlela ebesinocinga ngayo yile,
  • 2:52 - 2:56
    endaweni yokuba sibeno-2 esimdibanisa nomnye u-2 kathathu,
  • 2:56 - 2:59
    besinobano-3 simdibanise nomnye u-3 kabini!
  • 2:59 - 3:01
    Xakungoku ndiyayazi ukuba ithande ukubhida kancinci,
  • 3:01 - 3:04
    kodwa ke xa uqhubekeka nokuzilolonga izawunika umdla.
  • 3:04 - 3:07
    Ngoku ke mandiphinde ndiyibhale lengcaciso ingentla.
  • 3:07 - 3:10
    Isibini usiphinda- phinde kathathu
  • 3:10 - 3:16
    Ingabhalwa nangoluhlobo, isithathu usiphinda-phinde kabini.
  • 3:16 - 3:20
    Ngoku ke isithathu usidibanise nesinye isithathu.
  • 3:20 - 3:22
    kwakhona inokuba uyazibuza ukuba uyephi u-2?
  • 3:22 - 3:24
    uyazi, bendine sibini usiphinda-phinde kathathu
  • 3:24 - 3:28
    futhi rhoqo xa usenza udibaniso, uyabona ndinesibini--oh, andizazi ezi--
  • 3:28 - 3:30
    khangela, bendithe ndinee cherries kodwa ibingazi rasberries okanye noba yintoni.
  • 3:30 - 3:33
    futhi ke bendinezinto ezimbini, ndineezintathu
  • 3:33 - 3:34
    futhi u-2 no-3 khange banyamalale.
  • 3:34 - 3:37
    ndabadibanisa ndafumana isihlanu.
  • 3:37 - 3:39
    kodwa apha ndithi u-2 umphinda-phinde kathathu
  • 3:39 - 3:40
    yinti enye yokuthi, isithathu dibanisa isithathu.
  • 3:40 - 3:41
    Uyephi ke u-2?
  • 3:41 - 3:44
    u-2 kulemeko
  • 3:44 - 3:49
    undixelela ukuba mangaphi amatyeli endizodibasa u-3 ku-3.
  • 3:49 - 3:55
    kodwa ke into enika umdla yile, nokuba ndimtolika kanjani u-2 phinda-phinda 3,
  • 3:55 - 3:58
    ndingamtolika ngalendlela, isibini dibanisa nesinye isibini dibanisa nesinye isibini,
  • 3:58 - 4:01
    okanye dibanisa u-2 kathathu.
  • 4:01 - 4:04
    ndingayitolika ngaloondlela okanye ndiyitolike kanje
  • 4:04 - 4:07
    ngokudibanisa u-3 ku-3 kabini.
  • 4:07 - 4:09
    kodwa qaphela, ndifumana impendulo efanayo.
  • 4:09 - 4:11
    Ngubani u-3 umdibanise nomnye u-3?
  • 4:11 - 4:14
    Zenza isithandathu.
  • 4:14 - 4:17
    futhi ndicinga ukuba kukokokuqala kwiMaths
  • 4:17 - 4:19
    uzofumana into ecacileyo!
  • 4:19 - 4:21
    ngamany'amaxesha, nokuba uthatha eyiphi na indlela,
  • 4:21 - 4:25
    ukuba ulandela indlela eyiyo uzawufumana iziphumo ezifanayo.
  • 4:25 - 4:27
    Abantu ababini banganomfanekiso-ngqondweni--
  • 4:27 - 4:29
    ukuba banomfanekiso-ngqondweni onguwo,
  • 4:29 - 4:34
    iingxaki ezahlukeneyo, kodwa bangaphuma neziphumo ezifanayo.
  • 4:34 - 4:35
    futhi inokuba uthi,
  • 4:35 - 4:43
    Sal, ibaluleke nini okanye ngantoni uphinda-phindo?
  • 4:43 - 4:44
    kulapha ke apho lubaluleke khona.
  • 4:44 - 4:47
    Ngamanye amaxesha, lwenza lula ukubala.
  • 4:47 - 4:52
    masithi ndine--
  • 4:52 - 4:57
    okanye, masithethe ngalamfanekiso weziqhamo.
  • 4:57 - 5:00
    Imfaniso kuxa usebenzisa into ngokungathi--
  • 5:00 - 5:02
    andizungena nzulu kulento.
  • 5:02 - 5:04
    kodwa umzekelo weziqhamo.
  • 5:04 - 5:05
    Masithi ndinee Lemons.
  • 5:05 - 5:07
    masizobe ingxowa yeeLemons.
  • 5:07 - 5:09
    ndizawzizoba kwimigca emithathu
  • 5:09 - 5:15
    ngoko ke ndina 1, 2, 3--kodwa andizukuwabala
  • 5:15 - 5:18
    ngoba lonto izawukusinika impendulo.
  • 5:18 - 5:21
    Ndizoba nje ingxowa yee lemons.
  • 5:21 - 5:27
    ngoku, ukuba ndithi ndixelele ii lemons eziphaya.
  • 5:27 - 5:29
    ukuba ke ndiyenzile lonto,
  • 5:29 - 5:31
    ubuzawubaqhubeka ubale zonke ii lemons.
  • 5:31 - 5:34
    futhi ibingazukuthatha xesha lide ukuthi, oh,
  • 5:34 - 5:39
    kukho, one, two, three, four, five, six, seven, eight, nine, ten, eleven, twelve yee lemons.
  • 5:39 - 5:40
    sendikunikile impendulo.
  • 5:40 - 5:43
    siyazi ukuba ziyi-12 ii lemons.
  • 5:43 - 5:45
    kodwa kukho indlela elula
  • 5:45 - 5:48
    futhi ekhawulezileyo yokubala inani lee lemons.
  • 5:48 - 5:52
    Qaphela: zingaphi iiLemons kumqolo ngamnye?
  • 5:52 - 5:57
    futhi umqolo luhlobo lwecala kwicala le lemons
  • 5:57 - 6:00
    Ndinguba uyayazi ukuba umqolo yintoni.
  • 6:00 - 6:03
    Andifuni ukukujongela phantsi
  • 6:03 - 6:06
    ngoko ke zingaphi iilemons kumqolo?
  • 6:06 - 6:09
    zintathu iilemons kumqolo.
  • 6:09 - 6:12
    Mandikbuze omnye umbuzo
  • 6:12 - 6:16
    Mingaphi imiqolo?
  • 6:16 - 6:21
    kulungile ke, ibingumqolo wokuqala lowo, kengoku lona ngowesibini,
  • 6:21 - 6:27
    lona ngumqolo wesithathu, futhi lona ngowesine umqolo.
  • 6:27 - 6:31
    Ngoko ke indlela elula yokubala, masithi sine lemons ezintathu kumqolo ngamnye
  • 6:31 - 6:32
    futhi ke ndinelemons ezine.
  • 6:32 - 6:35
    Ngoko ke masithi ndine lemons ezintathu kumqolo ngamnye.
  • 6:35 - 6:38
    ndiyathemba ukuba andikubhidi, kodwa ndicinga ukuba uzawuyonwabela le.
  • 6:38 - 6:40
    futhi kengoku ndinemiqolo emine.
  • 6:40 - 6:43
    ngoko ke ndina-4 phinda-phinda kathathu yelemons.
  • 6:43 - 6:46
    4 phinda-phinda kathathu yelemons.
  • 6:46 - 6:51
    lonto kufaneleke ilingane nenani le lemons endinazo--12
  • 6:51 - 6:55
    Mandenze kengoku lomzekelo ndigqibowenza ngentla ngodibaniso,
  • 6:55 - 6:56
    masicinge ngalento.
  • 6:56 - 6:59
    4 phinda-phinda kathathu, ngokuphandle xa u--
  • 6:59 - 7:02
    futhi uyazi, xa usitsho lento 4 phinda-phinda kathathu,
  • 7:02 - 7:05
    ndibanomfanekiso ngqondweni.
  • 7:05 - 7:07
    ndibanomfanekiso ngqondweni ka 4 umphinda-phinda kathathu.
  • 7:07 - 7:09
    ngoko ke isithathu kane.
  • 7:09 - 7:12
    3 dibanisa 3, dibanisa 3, dibanisa 3
  • 7:12 - 7:13
    ukuba siyenzile lonto sifumana:
  • 7:13 - 7:15
    3 dibanisa 3 zenza 6.
  • 7:15 - 7:17
    6 dibanisa 3 zenza 9.
  • 7:17 - 7:20
    9 dibanisa 3 zenza 12.
  • 7:20 - 7:24
    ngoko ke sifindile apha ngentla kulomboniso,
  • 7:24 - 7:27
    sifundile ukuba uphinda-phindo
  • 7:27 - 7:30
    lungatolikwa
  • 7:30 - 7:33
    ngokuthi 3 phinda-phinda 4.
  • 7:33 - 7:35
    Ungayiguqula indlela ebekwe ngayo.
  • 7:35 - 7:37
    futhi ke yenye ebelulekileyo
  • 7:37 - 7:42
    enika umdla, ngokwenene, lulonye udidi lophinda-phindo.
  • 7:42 - 7:47
    kodwa ke ingabhalwa ngoluhlobo lokuthi 4 phinda-phinda kathathu.
  • 7:47 - 7:50
    4 dibanisa 4, dibanisa 4
  • 7:50 - 7:52
    udibanisa u-4 kathathu.
  • 7:52 - 7:55
    4 dibanisa 4 zenza 8.
  • 7:55 - 7:58
    8 dibanisa 4 zenza 12.
  • 7:58 - 8:03
    futhi ke e-U.S sisoloko sisithi 4 phinda-phinda kathathu,
  • 8:03 - 8:05
    kodwa uyazi ndidibene nabantu
  • 8:05 - 8:08
    futhi ke abantu abaninzi kusapho lwam bafundile--
  • 8:08 - 8:10
    Ndiyaqonda ukuba ungayibiza mhlwawumbi inkqubo yesiNgesi.
  • 8:10 - 8:14
    futhi ke bayibiza ngokuthi yi-4 sthathu, okanye i-3 yesine.
  • 8:14 - 8:16
    ngokwenza lonto ngenyindlela iyaqondisisa.
  • 8:16 - 8:17
    Ayiqondakali xa uyiva okokuqala,
  • 8:17 - 8:19
    kodwa bazoyibhala ingxaki yophinda-phindo,
  • 8:19 - 8:21
    okanye bazothi lengxaki yophinda-phindo.
  • 8:21 - 8:23
    Bazothi, yintoni u-4 ngesithathu?
  • 8:23 - 8:25
    futhi xa ke besithi u-4 ngesithathu,
  • 8:25 - 8:28
    ngokucacileyo bathi, ngubani oo-4 abathathu?
  • 8:28 - 8:32
    ngoko ke ngu-3 wokuqala, ngu-3 wesibini, ngu-3 wesithathu, ngu-3 wesine.
  • 8:32 - 8:34
    ngoko ke ngubani oo-4 abathathu xa ubadibanisa?
  • 8:34 - 8:35
    ngu-12.
  • 8:35 - 8:38
    futhi ke ungathi, ngubani oo-3 abane?
  • 8:38 - 8:41
    mandiyibhale phantsi lento.
  • 8:41 - 8:43
    Mandiyibhale ngombala owohlukileyo.
  • 8:43 - 8:47
    ngoo-4 abathathu.
  • 8:47 - 8:49
    ndithethukuthi ngokucacileyo, ngoo-4 abathathu.
  • 8:49 - 8:53
    ukuba ndikuxelele, ndathi, bhala phantsi oo-4 abathathu emveni koko ubadibanise,
  • 8:53 - 8:53
    lonto ithetha ukutsho.
  • 8:53 - 8:56
    futhi ke ithi u-4 umphinda-phinde kathathu.
  • 8:56 - 8:57
    okanye oo-4 abathathu.
  • 8:57 - 9:03
    lento yile-- mandiyibhale ngombala owohlukileyo,
  • 9:03 - 9:09
    lona ngoo-3 abayi-4 okanye abane.
  • 9:09 - 9:13
    ingabhalwa kwakhona ngokuthi u-3 umphinda-phinde kayi-4.
  • 9:13 - 9:16
    futhi yonke lonto ilingana no-12.
  • 9:16 - 9:16
    mhlawumbi inoba uthi,
  • 9:16 - 9:19
    kulungile, liqhinga elihle Sal,
  • 9:19 - 9:20
    ondixelele lona,
  • 9:20 - 9:25
    kodwa ikuthathe ixeshana ukubala ezilemons
  • 9:25 - 9:27
    ngaphezukobusazi, yenza lengxaki.
  • 9:27 - 9:30
    okokuqala,phofu kulungile ngoku ngoba usemtsha ekubaleni uphinda-phindo.
  • 9:30 - 9:34
    kodwa uzawufumanisa ukuba kukho amaxesha,
  • 9:34 - 9:35
    futhi ke ngamaxesha amaninzi--
  • 9:35 - 9:39
    andifunusebenzisa eligama, phinda-phinda kakhulu kulomboniso wophinda-phindo--
  • 9:39 - 9:42
    apho umqolo ngamnye welemons
  • 9:42 - 9:43
    kunokuba nesithathu
  • 9:43 - 9:44
    mhlawumbi banekhulu le lemons!
  • 9:44 - 9:48
    mhlawumbi kukho ikhulu lemiqolo!
  • 9:48 - 9:50
    izakuthatha ixesha elide kakhulu ukubala ii lemons,
  • 9:50 - 9:52
    futhi ke kulapho ke uphinda- phindo lufike lubeluncedo,
  • 9:52 - 9:57
    nokuba singazufunda ngoku ukuphinda-phinda ikhulu ngekhulu.
  • 9:57 - 9:59
    ngoku ke inye into endifunukunika yona,
  • 9:59 - 10:00
    futhi ke liqhinga eli,
  • 10:00 - 10:04
    ndikhumbula udade wethu, ukukubonisa nje ukuba wayekrelekrele kanjani kunam,
  • 10:04 - 10:07
    xandandikwisikolo sabantwana abangekabi naminyaka mithandathu, wayesenza ibakala lesithathu yena,
  • 10:07 - 10:13
    Wayesithi, Sal, "ngubani u-3 umphinda -phinde ngo-1?"
  • 10:13 - 10:15
    ndandisithi, ngoba ingqondo yam yayisithi,
  • 10:15 - 10:16
    kanene! Ifana no-3 dibanisa 1,
  • 10:16 - 10:20
    ndithi ke, 3 dibanisa 1 ngu -4.
  • 10:20 - 10:20
    ndandisitsho,
  • 10:20 - 10:24
    kanene! Uyazi, u-3 umphinda-phinde kanye, kufanelekile ibengu 4 naye.
  • 10:24 - 10:26
    wayesithi keyena, " Hayi, uyaphazama! ngu-3!"
  • 10:26 - 10:27
    ndandisithi ke mna, njani njalo?
  • 10:27 - 10:31
    yenzekanjani ukuba u-3 umphinda-phinde ngelinye inani kuphuma kwa u-3?
  • 10:31 - 10:33
    Cinga ke ukuba ithetha ukuthini.
  • 10:33 - 10:39
    Ungayivelela ngoluhlobo lokuba, oo-1 abathathu.
  • 10:39 - 10:40
    ngoko ke ngubani oo-1 abathathu?
  • 10:40 - 10:45
    ngu 1 omny dibanisa 1, dibanisa 1.
  • 10:45 - 10:46
    Zenza 3.
  • 10:46 - 10:49
    okanye ungayenza oluhlobo lokuthi uphinda-phinda u-3 kanye.
  • 10:49 - 10:51
    ngoko ke ngubani u-3 omnye?
  • 10:51 - 10:54
    ilula kakhulu!
  • 10:54 - 10:55
    ngu-3
  • 10:55 - 10:56
    ngu-3 omnye.
  • 10:56 - 11:00
    ungayibhala ngathi ngu-3 omnye.
  • 11:00 - 11:02
    yiyolonto ke nayiphi na into oyiphinda-phinda ngo-1,
  • 11:02 - 11:04
    okanye uphinda-phinda u-1 nangayiphi na into,
  • 11:04 - 11:06
    yiyolonto!
  • 11:06 - 11:08
    ngoko u-3 umphinda-phinde ngo-1 ngu-3.
  • 11:08 - 11:10
    u-1 umphinda-phinde ngo-3 ngu -3
  • 11:10 - 11:14
    futhi uyazi, ndingathi, ikhulu uliphinda-phinde ngo-1
  • 11:14 - 11:17
    zenza ikhulu.
  • 11:17 - 11:21
    ndingathi u-1 umphinda-phinde ngo-39
  • 11:21 - 11:23
    zenza 39.
  • 11:23 - 11:27
    futhi ndiyacinga ukuba uqhelene namanani amakhulu ukuzothi ga ngoku.
  • 11:27 - 11:28
    lonto inika umdla.
  • 11:28 - 11:32
    ngoku ke kukho enye into enika umdla ngophinda-phindo.
  • 11:32 - 11:35
    kuxa uphinda-phinda ngo-0.
  • 11:35 - 11:38
    ndizawuqala ngemfanekiso, okanye umzekelo xa udibanisa.
  • 11:38 - 11:41
    u-3 umdibanise ngo-0, ndiyathemba ukuba ufundile,
  • 11:41 - 11:42
    ngu-3.
  • 11:42 - 11:44
    ngoba ndidibanisa into engekhoyo ku-3.
  • 11:44 - 11:45
    ukuba unama-apile amathathu,
  • 11:45 - 11:47
    ndikunike amanye angekhoyo,
  • 11:47 - 11:49
    usenama-apile amathathu.
  • 11:49 - 11:50
    kodwa ngubani u-3--
  • 11:50 - 11:53
    mhlawubi ndivalelekile kwelinani u-3 kakhulu--
  • 11:53 - 11:54
    ngoko ke manditshintshe--
  • 11:54 - 11:59
    Ngubani u-4 umphinda-phinde ngeqanda
  • 11:59 - 12:03
    Ithi lento iqanda kayi-4
  • 12:03 - 12:09
    Ngubani u-0 dibanisa- 0 dibanisa- 0 dibanisa -0
  • 12:09 - 12:12
    ngoko ke, liqanda!
  • 12:12 - 12:14
    akunjalo? andinanto, andinanto, andinanto, andinanto.
  • 12:14 - 12:15
    ngoko andifumani nto!
  • 12:15 - 12:17
    enye indlela yokucinga ngalento,
  • 12:17 - 12:19
    ndingathi, 4 phinda-phinda ngo-0.
  • 12:19 - 12:21
    ndimbhala njani u-4 phinda-phinda ngeqanda?
  • 12:21 - 12:23
    ngoko ke andizubhala nto, akanjalo?
  • 12:23 - 12:24
    ngoba ukuba ndibhala nokuba yeyiphi into,
  • 12:24 - 12:27
    ukuba ndibhala u-4 omnye, ngoko ke andina -4.
  • 12:27 - 12:28
    lento kukuthi--
  • 12:28 - 12:30
    lona ngu-4--
  • 12:30 - 12:31
    mandibhale lento--
  • 12:31 - 12:36
    ngoo-0 abane.
  • 12:36 - 12:41
    kodwa ndingabhala oo-0 abane.
  • 12:41 - 12:42
    yintoni oo-0 abane?
  • 12:42 - 12:44
    ndizawubhala into enkulu engenanto apha.
  • 12:44 - 12:44
    Pha, ndiyibhalile!
  • 12:44 - 12:46
    abakho oo-4 apha!
  • 12:46 - 12:48
    yinto enkulu engenanto.
  • 12:48 - 12:49
    yenyinto emnandi leyo.
  • 12:49 - 12:51
    ithi into, nokuba yeeiphi into uyiphinda-phinde ngo-0 ilingana no-0!
  • 12:51 - 12:53
    ndingabhala inani elikhulu.
  • 12:53 - 12:59
    Uyazi, 5 493 692
  • 12:59 - 13:02
    phinda-phinda ngeqanda
  • 13:02 - 13:03
    Ilingana nantoni?
  • 13:03 - 13:04
    Ilingana neqanda.
  • 13:04 - 13:05
    Kusenjalo
  • 13:05 - 13:06
    ngubani elinani uliphinda-phinde kanye?
  • 13:06 - 13:08
    Lelanani kwakhona.
  • 13:08 - 13:12
    Ngubani u-0 umphinda-phinde ngo-17?
  • 13:12 - 13:15
    Kwakhona, liqanda.
  • 13:15 - 13:18
    Ndicinguba ndithethe kakhulu ngoku.
  • 13:18 -
    Ndizawukubona kumboniso olandelayo
Title:
Isihloko: Uphindaphindo Manani
Description:

Introduction to multiplication

more » « less
Video Language:
English
Duration:
13:20
ayandapatrick edited Xhosa subtitles for Basic Multiplication
ayandapatrick edited Xhosa subtitles for Basic Multiplication
ayandapatrick edited Xhosa subtitles for Basic Multiplication
ayandapatrick added a translation

Xhosa subtitles

Revisions