ndifuna ukukubonisa indlela ezakuthi, noko, endiyifumana iluncedwana thabatha amanani entlokweni yam ndiyenza ke ngale ndlela -- ayikhawulezi ke noko apha ephepheni, kodwa iyakuvumela ukuba uyikhumbule lento uyenzayo ngokuba ukuba uqala ukuboleka iye ithande ukuba nzinyana ukukukhumbula eyona nto yenzekayo. masikhe sizame ke iingxakana nje ezimbalwa masikhe sithathe 9,456 uthabathe u7,589 ngoko ke uhlobo endiyenza ngayo lento apha kum entloko ndiye ndithi 9,456 thabatha 7,589 -- kufuneka ke ukhumbule ke lamanani amabini ngoko ke into yokuqala endiyenzayo, kukuthi yintoni u9,456 thabathe u7000? ilula kenoko ngoba ndithatha nje u9000 thabatha u7000 ngoko into endiyenzayo kuku xhaxha nje lena ndandule uku thabatha u7000 apha kuye ndizawukufumana ke u2,456 ngoko ke apha kum entloko ndiye ndizixelela ukuba 9,456 uthabathe u7,589 ikwafana nje -- ukuba ke ndithe nje ndathabatha u7000 -- njengo 2,456 uthabathe 589 ndiye ke ndamkhupha lo u7000 ndiye ke ndamthabatha apha kuwo ke lamanani omabini ngoku ke, ukuba ndifuna ukwenza u2,456 uthabathe u589into ke endithi ndiyenze kuthabatha u500 kuwo omabini la manani ngoko ke ukuba ndiyathabatha u500 kulo eli nani lingezantsi lo uFIVE uzawukuduka kwaye ukuba ndithabatha u500 kulo eli nani lingentla, kwenzeka ntoni? uyintoni ke u2,456 uthabathe u500? okanye enye indlela elula yokuyicinga? ingaba yintoni ke u24 uthabathe uFIVE? loonto yenza uNINETEEN. ngoko ke izawukuba ngu 1,956 mandikhe ndinyuke nje kancinci ngoko ngu 1,956 ngoko ke ingxaki ebesiqale ngayo iye yafumana ukucuthelwa ku 1,956 uthabathe 89 ngoku ke ndinga thabatha u80 kuwo omabini lamanani ukuba ke ndithe ndathabatha u80 kulo eli nanilingezantsi u8 ke yena uyaduka 89 uthabathe u80 ikunika loonto u9 zendithabathe u80 apha kulo eli inani liphezulu, ndingacinga nje ngalo ingaba yintoni u195 uthabathe u8? Fifteen minus eight is seventeen. ngoko ke u195 uthabathe u8 izakukunika u187 usezakuba naye laa 6 apho ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876 ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876 singayenza ke loonto apha kuthi entloko, yintooni ke u76 uthabathe u9? yintoni? 67 ngoko ke impendulo yethu yokugqibela ngu 1,867 kwaye njengoko ubona ukuba lento ayikhawulezi kunale indlela sithe sayenza ngayo kwenye imoboniso kodwa ke isizathu sokuba ndibe ndiyayithanda kweli nqanaba, kungenxa yokuba ke kufuneka ndikhumbule nje lamanani mabini kufuneka nje ndikhumbule amanani am angentla kwakunye nalamanani am angezantsi inani lam elitsha elingezantsi lisoloko lifana nje neentshiyekela yeedigits yalamanani okuqala angaphantsi lulo ke oko uhlobo endithi ndithande ukwenza ngalo apha kum entloko ngoku ke, ukuqinisekisa ukuba siye safumana impendulo eyiyo kwaye umhlawumbi ukuthelekisa nje kancinane masiyenze ke ngohlobo oluqhelekileyo u9,456 uthabathe u7589 ngoko ke ulhobo olwamkelekileyo lokuyenza, ndiye ndithande ukuzenza zonke ezoboleko phambi kokuba ndenze nokuba yeyiphi eyothabatho khonukuze ndithi kwezoboleko zam, okanye ungayicinga nje ngokungathi kukuzilungisa ngoko ke ndiye ndijonge onke amanani am alapha phezulu ndikwabona ukuba ingaba angaphezulu na kumanani am angezantsi? ndiqala apha ekunene. u6 akamkhulwanga kuno 9, ngoko ke kufuneka ndiboleke ngoko ke ndizawukuboleka u 10 okanye u 1 apha kwezi ndawo zee 10 izawukuthi ke iphele sele ingu 10. ngoko ke u 6 uye abengu 16 ze keyena u 5 abengu 4 wandule ke ukuya kwindawo ke 10 u 4 kufuneka abemkhulu kuno 8, masikhe siboleke u 1 apha kwii 100. ngoko ke la 4 uye abengu 14 okanye 14 TENS ngoba sikwi ndawo yee 10 ze keyena lo 4 uye abengu 3 ngoku ke ezi zimbini iicolumn okanye indawo zibukeka zilungile, kodwa ke apha ndine ziyi 3, ezithi zibe ngaphantsi kuno 5 ayilunganga, kufuneka kengoko ndiboleke kwakhona la 3 uye abengu 13 ze keyena la 9 abengu 8 ngoku ke ndikulungele ukuthabatha ngoko ke uye ufumane u 16 uthabathe u 7. u 14 uthabathe u 8 zenza u 6 13 uthabathe u 5 zenza u 8 u 8 uthabathe u 7 zenza u 1 sinentlahla kethina, siyifumene impendulo eyiyo ndifuna ukuyenza icaca gca ayikho ke enye indlela engcono yokuba siyenze le indlela ke iye ithande ukuba nde kwaye ithanda ukuthatha indawo eninzi apha kuwe ephepheni kuna le indlela. Kodwa le indlela kum ithanda ukuba nzima kakhulu ukukhumbuleka kunzima kakhulu kum ukukulandela into ebendiyi bolekile kwaye elinye inani liyintoni, njalo njalo kodwa ke apha, nanini na, kufuneka nje ndikhumbule nje lamanani mabini kwaye lamanani mabini aye esiba lula ngokwenqanaba endithi ndingene kulo. yiyo ke loonto ndiye ndicinge ukuba iye ithande ukuba lula kancinane apha kum entloko kodwa ke le inokuba, ngokokuxhomekeka kwimeko, ithande ukuba lula apha ephepheni kodwa ke noko apha bekungamelanga ude ube uyaboleka okanye uphinde ulungise ngoko ke, ngokwe themba uzawukuyifumana iluncedwana.