ndifuna ukukubonisa indlela ezakuthi, noko, endiyifumana iluncedwana
thabatha amanani entlokweni yam
ndiyenza ke ngale ndlela -- ayikhawulezi ke noko apha
ephepheni, kodwa iyakuvumela ukuba uyikhumbule lento uyenzayo
ngokuba ukuba uqala ukuboleka iye ithande ukuba nzinyana
ukukukhumbula eyona nto yenzekayo.
masikhe sizame ke iingxakana nje ezimbalwa
masikhe sithathe 9,456 uthabathe u7,589
ngoko ke uhlobo endiyenza ngayo lento apha kum entloko
ndiye ndithi 9,456 thabatha 7,589 -- kufuneka ke
ukhumbule ke lamanani amabini
ngoko ke into yokuqala endiyenzayo, kukuthi yintoni u9,456
thabathe u7000?
ilula kenoko ngoba ndithatha nje u9000 thabatha u7000
ngoko into endiyenzayo kuku xhaxha nje lena ndandule uku
thabatha u7000 apha kuye
ndizawukufumana ke u2,456
ngoko ke apha kum entloko ndiye ndizixelela ukuba 9,456 uthabathe u7,589
ikwafana nje -- ukuba ke ndithe nje ndathabatha u7000 --
njengo 2,456 uthabathe 589
ndiye ke ndamkhupha lo u7000
ndiye ke ndamthabatha apha kuwo ke lamanani omabini
ngoku ke, ukuba ndifuna ukwenza u2,456 uthabathe u589into ke endithi ndiyenze
kuthabatha u500 kuwo omabini la manani
ngoko ke ukuba ndiyathabatha u500 kulo eli nani lingezantsi
lo uFIVE uzawukuduka
kwaye ukuba ndithabatha u500 kulo eli nani lingentla, kwenzeka ntoni?
uyintoni ke u2,456 uthabathe u500?
okanye enye indlela elula yokuyicinga?
ingaba yintoni ke u24 uthabathe uFIVE?
loonto yenza uNINETEEN.
ngoko ke izawukuba ngu 1,956
mandikhe ndinyuke nje kancinci
ngoko ngu 1,956
ngoko ke ingxaki ebesiqale ngayo iye yafumana ukucuthelwa ku 1,956 uthabathe 89
ngoku ke ndinga thabatha u80 kuwo omabini lamanani
ukuba ke ndithe ndathabatha u80 kulo eli nanilingezantsi u8 ke yena uyaduka
89 uthabathe u80 ikunika loonto u9
zendithabathe u80 apha kulo eli inani liphezulu, ndingacinga nje ngalo
ingaba yintoni u195 uthabathe u8?
Fifteen minus eight is seventeen.
ngoko ke u195 uthabathe u8 izakukunika u187 usezakuba
naye laa 6 apho
ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876
ngoko ke ndithi, 1,956 uthabathe u80 zenza 1,876
singayenza ke loonto apha kuthi entloko,
yintooni ke u76 uthabathe u9?
yintoni?
67
ngoko ke impendulo yethu yokugqibela ngu 1,867
kwaye njengoko ubona ukuba lento ayikhawulezi kunale indlela
sithe sayenza ngayo kwenye imoboniso
kodwa ke isizathu sokuba ndibe ndiyayithanda kweli nqanaba,
kungenxa yokuba ke kufuneka ndikhumbule nje lamanani mabini
kufuneka nje ndikhumbule amanani am angentla kwakunye
nalamanani am angezantsi
inani lam elitsha elingezantsi lisoloko lifana nje neentshiyekela
yeedigits yalamanani okuqala angaphantsi
lulo ke oko uhlobo endithi ndithande ukwenza ngalo apha kum entloko
ngoku ke, ukuqinisekisa ukuba siye safumana impendulo eyiyo kwaye umhlawumbi
ukuthelekisa nje kancinane
masiyenze ke ngohlobo oluqhelekileyo
u9,456 uthabathe u7589
ngoko ke ulhobo olwamkelekileyo lokuyenza, ndiye ndithande ukuzenza
zonke ezoboleko phambi kokuba ndenze nokuba yeyiphi eyothabatho khonukuze ndithi
kwezoboleko zam, okanye ungayicinga nje ngokungathi kukuzilungisa
ngoko ke ndiye ndijonge onke amanani am alapha phezulu ndikwabona ukuba
ingaba angaphezulu na kumanani am angezantsi?
ndiqala apha ekunene.
u6 akamkhulwanga kuno 9, ngoko ke kufuneka ndiboleke
ngoko ke ndizawukuboleka u 10 okanye u 1 apha kwezi ndawo zee 10
izawukuthi ke iphele sele ingu 10.
ngoko ke u 6 uye abengu 16 ze keyena u 5 abengu 4
wandule ke ukuya kwindawo ke 10
u 4 kufuneka abemkhulu kuno 8, masikhe siboleke u 1
apha kwii 100.
ngoko ke la 4 uye abengu 14 okanye 14 TENS ngoba
sikwi ndawo yee 10
ze keyena lo 4 uye abengu 3
ngoku ke ezi zimbini iicolumn okanye indawo zibukeka zilungile, kodwa ke apha
ndine ziyi 3, ezithi zibe ngaphantsi kuno 5
ayilunganga, kufuneka kengoko ndiboleke kwakhona
la 3 uye abengu 13 ze keyena la 9 abengu 8
ngoku ke ndikulungele ukuthabatha
ngoko ke uye ufumane u 16 uthabathe u 7.
u 14 uthabathe u 8 zenza u 6
13 uthabathe u 5 zenza u 8
u 8 uthabathe u 7 zenza u 1
sinentlahla kethina, siyifumene impendulo eyiyo
ndifuna ukuyenza icaca gca
ayikho ke enye indlela engcono yokuba siyenze
le indlela ke iye ithande ukuba nde kwaye ithanda ukuthatha
indawo eninzi apha kuwe ephepheni kuna le indlela. Kodwa le indlela kum
ithanda ukuba nzima kakhulu ukukhumbuleka
kunzima kakhulu kum ukukulandela into ebendiyi bolekile kwaye
elinye inani liyintoni, njalo njalo
kodwa ke apha, nanini na, kufuneka nje
ndikhumbule nje lamanani mabini
kwaye lamanani mabini aye esiba lula ngokwenqanaba endithi
ndingene kulo.
yiyo ke loonto ndiye ndicinge ukuba iye ithande
ukuba lula kancinane apha kum entloko
kodwa ke le inokuba, ngokokuxhomekeka kwimeko, ithande ukuba lula apha ephepheni
kodwa ke noko apha bekungamelanga ude ube uyaboleka okanye uphinde ulungise
ngoko ke, ngokwe themba uzawukuyifumana iluncedwana.